




IPitoli
IKapa neStellenbosch







Ukuqala kwezixeko
lmephu nganye inembali yayo. Eyona nto ingayibonisiyo kukuba izixeko neendawo zenzeka njani, zawafumana njani amagama azo. Ngaphambi kokuba wenze isigqibo ngokutyelela isixeko, kubhetele ukuqale ufumane imbali yaso. Makhe siqwalasele izixeko ezibalulekileyo eMzantsi-Afrika. Zama ukuzifumana kwimephu.
ISoweto
Bangaphi abaziyo ukuba iSoweto umele uSouth Western Townships? lSoweto ineelokishi engama-26 ezikufutshane naseJohannesburg. Bamalunga nezigidi ezi-2 abantu abahlala eSoweto.










IDurban
Isixeko saseThekwini saqalwa ngo-1824. Saqala ngokuba yindawo yokuthengisa yaza ngokuhamba kwexesha yalizibu ko leenqanawa elibalulekileyo. Abantu abaninzi bacinga ukuba isixeko saseThekwini silikomkhulu lakwaZulu-Natal, kanti yiPietermaritburg ikomkhulu.
Ijohannesburg
ljohannesburg sisixeko esaziwayo kweli nakwamanye amazwe. Kubo xa usithi uya eMzantsi-Afrika bazixelela ukuba uya eJohannesburg.

lJohannesburg yakhiwa emva kokuba kufunyenwe igolide eWitwatersrand. Kweza amawaka-waka abantu beyofuna ubutyebi kule dolophu. Namhlanje
IMPILO
bangaphezu kwezigidi ezisi-7 abantu abahlala eJohannesburg yaye sesona sixeko ifunywanwa kuso imafi.
lminyaka emininzi iiofisi zikarhulumente bezisePitoli. Ngoku kuphikiswano ngokuba zifanele zifudukiselwe ekapa na. Abantu abaninzi bathi iPitoli iya kufa xa kusenziwa oko. Ucinga ukuba oku kuya kuyiguqula njani imbali yesi sixeko?
lsixeko sasekapa sibizwa ngokuba yi-Mother City. Esi sixeko sakhelwa ukuba iinqanawa zifumane ukutya okutsha kuso xa zisiya eFar East.Isixeko saseStellenbosch sakhiwa ngo-1679 njengesixeko solimo. lzityalo ezazilinywa apho zazinkcenkceshelwa ngamanzi avela e-Eerste River.

Umsebenzi 1
Ngoku phendula le mibuzo ilandelayo.

1.	XeIa iphondo elinabona bantu baninzi kweli.

2.	Xela iphondo elinabantu abambalwa.

3.	Ngaba idume ngantoni iNtshona-Koloni?

4.	Ngubani oyiNkulumbuso yephondo laseNorth West?

5.	Ngaba ikuliphi iphondo iBophuthatswana?











Amakhasi Abadala
Ukutyelela iidawo
Indawo yokuhlala nento yokuhamba

Ngokuhamba ebusuku unokonga nemali yokuhlawulela indawo yokulala. Ngoko ceba ukuba ufuna ukuya phi nendlela elula

Zonke izixeko zinehostele zabantwana okanye izindlu
-zokulala ezibiza kancinane kuneehotele.

Kukho amaxesha okuba babe baninzi abantu abatyelela iindawo nawokuba babe mbalwa. Abantu badla ngokuhamba kakhulu xa kuvalwe izikolo okanye ngexesha lekrismesi. Kuzindleko ukuhamba ngeli xesha. Kubhetele ucebe ukuhamba
ngelinye ixesha lonyaka.

Unako ukwenza isigqibo ngendawo ofuna ukuyityelela kwiholide yakho ezayo? Ngaba kukho isixeko onqwenela ukufikelela kuso? Kwinyanga ezayo siza kuthetha ngokubanzi ngamaphondo ahlukeneyo. Mhlawumbi uya kusenza ngoko isigqibo. Ube neholide emnandiI
Ukufumana indawo yokuhlala nento yokuhamba zezona zinto zidla imali eninzi kwiholide. Kukho izinto onokuzenza ukuze wonge imali. Nanga amanye amacebiso:

Hamba ngebhasi okanye uloliwe. Ukuhamba ngazo akudli imali enkulu njengokuhamba ngenqwelo-moya. Zama ukufumana iinkcukacha ngeenkampani zebhasi -njengeGreyhound neTranslux. Thelekisa amaxabiso azo -kwaye zininzi nezinye iinkampani zeebhasi kule mihla. Buza nangamaxabiso athotyiweyo!
Ngaba ukhe ucinge ngokutyelela iindawo ezithile eMzantsi-Afrika okanye kwelinye ilizwe? Landela amacebiso ethu ukuze ibe yimpumelelo iholide yakho! Enye into, unokuthi uzonwabisa ube ufunda lukhulu ngeli lizwe lethu.

Ukufumana ipaspoti
Kuhle ukuhamba nencwadi yakho yesazisi nokuba uhamba ngaphakathi eMzantsi-Afrika. lpaspoti sisazisi osisebenzisayo xa uhamba. Le ncwadana ichazela amagosa ukuba uvela phi na.

Kufuneka uye kwiofisi yeSebe lezekhaya xa ufuna ukwenza isicelo sepaspoti. Apho uya kuzalisa iifomu zokwenza isicelo. Ukhumbule ukuphatha iifoto ezincinane. Unokulinda phantse iinyanga ezintandathu ngaphambi kokuba uyifumane.













OKUQHUBEKA EMFUNDWENI
Nazi iindaba ezimnandi kwabo bafunda kwizikolo zabadala zokufunda ukubhala nokufunda. l-ERA isandul ukushicilela iincwadi ezingama-40 zabafundi abatsha ezamabanga ahlukeneyo nezibhalwe ngeelwimi ezili-1 O zaseMzantsi-Afrika.
Ngokuqinisekileyo ziza kukonwabisa ezi ncwadi. Makhe zijonge ezinye
onokukhetha kuzo.
Ngaba uneenkcukacha okanye kukho isiganeko osaziyo ocinga ukuba siya kubanceda abafundi bethu? Xa kunjalo bhalela kwaLook and Learn, P0 Box 35677, Northway, 4065.




















I-African Writer Series
IsiXhosa
LEVEL 1
Kuzonwabisa ixesha Ionke Magdelena Hermarius/Tracy Proctor
Ukudanisa bubutshuntshile ubomi bomfana oselula waseMfuleni. EIi libali elibaliswa ngemifanekiso.

Amayeza amandulo
nawanamhla
ABE Development Services Trust
UNothobile akaziqondi iiklinikhi ezizikhumbi, oogqirha basetyhini nokubaluleka kogonyo. Ngaba ufanele aziguqule iimbono zakhe

Uzuza lukhulu ngamabali ABE Development Services Trust Early Learning Resources Centre
Amabali aphuma kwamanye amabali abonisa indlela anokusifundisa ngayo amabali nabantwana bethu ngobomi.

lkamra lelethu
ABE Development Services Trust
Ubomi bebhinqa obuquka umtshato, ukuzala umntwana, ukufuduka kwalo eTranskei lisiya ekapa nokuqonda kwalo amandla amabhinqa eluntwini.

IsiSuthu
 LEVEL2 Boikemisetso
Wilheminah Kutumela
Ngaba kubalulekile ukuba abantu bafunde, ingakumbi amabhinqa?
 Level 3 Lekgoba Ia maikutlo
Abasebenzi basefama bazama ukuphikisana nomqeshi wabo, baze banga(iswe kukuba uyavuma ukuba ubaphethe gadalala.

IsiZulu
 LEVEL1 Ugogo utshintsha umqondo
C D Ntuli, S R Dlamini
Eli bali libalisa ngenxaxheba yamabhinqa ekhaya
nocelo-mngeni lokutyeshela amasiko.

 LEVEL 1 Epulazini
C D Ntuli, SR Dlamini
Eli bali lingamalungelo omlimi emhlabeni wakhe nokungaqondi kwabasebenzi basefama.

LEVEL 3 lmfundo Ephakeme
Eli bali lingemvano yabantu
kusapho oluneengcwangu.

Imihlangano
lngxabano nesisombululo sayo phakathi kwendoda nomfazi emva kokuba iwaqondile amalungelo amabhinqa.

Ezinye iinkcukacha
Asikhange sibenaka ukukhupha iinkcukacha ngazo zonke iincwadi. Xa ufuna ezinye iingcombolo ngazo unokuqhagamshelana neERA lnitiative kule dilesi:

P.o.	Box 501, Wits, 2050.
Okanye utsalele umnxeba kule
nombolo: (011) 648 8157












Iincwadi Zenu
Zuza -R5O ngeleta yakho enomdla
Siyakuvuyela kctkhulu ukufumana iileta zenu! Khumbulani ukuba uTyhila Ufunde uhlawula i-R50
ngeleta enomdla. Bhalani ke. Hlalaniphantsi nisibhalele. Kule nyanga kukho umntu osithumelele umfanekiso obalisa ibali. Nawe unako ukusithumelela elakho ibali lomfanekiso.Ukuba unengxaki, siza kwenza unakonako wokukuphendulela yona! Bhalani nithi TYHILA UFUNDE, Media-in-
Education, P. O. Box 35677, Northway, 4065.
	/Ileta Ephumeleleyo
Masiyikhusele impahla yethu!
Uluntu lufanele luzikhusele izinto eziluncedo kulo. Lixhomile inani lezikolo neecawe eziqhekezwayo. Ukuba impahla yesikolo kwenza abantwana abaninzi bangayifumani imfundo efanelekileyo.

Maxa wambi abantwana benza imisebenzi emdaka kuba befuna imali yokuthenga iziyobisi. Abahlali kufuneka bangakukhuthazi oku ngokuthenga impahla ebiweyo. Masiyikhusele impahla eyenzelwe ukunceda thina.

NdinguN. Ndzema ekhayelitsha
lnkampani ephambili kweli ekuveliseni amaphepha okushicilela, awoshishino nawekufundisa






















NgeKomishini yeNyaniso
lKomishini yeNyaniso noXolelwaniso ayincedi ekupholiseni amanxeba akudala, endaweni yoko ivuselela intlungu. Oku kubonakaliswa kukulila kwabantu abanika ubungqina ngokutyeshelwa kwamalungeto oluntu.

Eyona nto ibuhlungu kukuba amaxhoba akafumani mbuyekezo nangona amanye aphulukana nabazali bawo, amadoda awo noonyana bawo. Abanye abanako nokusebenza kuba bangxwelerheka. Ndicinga ukuba ngakubhetele ukuba le komishini ibiwafumanela imbuyekezo amaxhoba kuba oko kunokuwanceda axolele kodwa angalibali.

NguL Mbatyoti, ekapa

Iilwimi ezisemthethweni
Sixelelwa ukuba zilithoba iilwimi ezisemthethweni eMzantsi-Afrika kodwa qho xa usiya kwiiofisi zikarhulumente ufika amagosa asebenza kuzo ethetha ngesiNgesi okanye isiBhulu. Nkqu neefomu zokucela umsebenzi kurhulumente zibhalwe ngesiNgesi okanye isiBhulu. Naxa usiya kudliwanondlebe lwenziwa ngesiNgesi okanye isiBhulu. Abanye abantu abayifumani imisebenzi kuba bengazazi kakuhle ezi lwimi.
NguM. Xhukwe eMpuma-Randi

Ngaba bayinxalenye yoMzantsi-Afrika omtsha?
Abantu basezilalini bayasokola kwintlalo nakwimeko yoqoqosho. Ezi lali zinokubizwa ngokuba zilahliwe kuba zikhunjulwa ngexesha Ionyulo kuphela. lzibhedlele azikho
mgangathweni, umgangatho wemfundo uphantsi neendlela zikwimeko embi gqitha. Kwezinye iindawo akukho nkqu neeklinikhi ezihamba ngeemoto, kukho oogqirha ababiza imali enkulu qha.
Ngaba umntu odla umhlala-phantsi okanye ogogekileyo anganayo imali eninzi yokuhlawulela unyango? Kuthekani kona ngabantu abangaphangeliyo? Liyanyuka inani labantu abangafundanga nabangaphangeliyo minyaka le ezilalini. Kufuneka uRhulumente enze iinzame zokunceda aba bantu.
NguB. Motlahahane, eMogwase

Izifundo ezinokwenziwa ngezandla
Liyanyuka inani labantu abangaphangeliyo. Ndicebisa ukuba iSebe leMfundo liqinisekisa ukuba izikolo zinezifundo ezenziwa ngezandla kwizifundo zazo, njengokwakha, ukwanza izinto zentsimbi nezolimo. Oko kuya kwenza abantwana bangaxhomekeki mntwini bakugqiba ukufunda. Abantu abangayifumaniyo imisebenzi kwimizi mveliso banokuqatisa ezabo iinkampani ezincinane. Oko kuya kususa abantwana bethu ezitratweni ukuze bangaguquki babe zizaphuli-mthetho.
NguT. Fuzane, eGermiston.
NABAABAPHUMELELE
KUKHUPH1SWANO .
LUKASEPTEMBA:

T.Zondi, Zwelibomvu; KM
Cholo, Limburg; E Twala,
 Katlehong; B Dlamini,
Esikhawini; J Mohlala, Sabie



		BONA XHOSA - December 1996 21

	Abakwalvlondi Paper bavuyisana neBona ngokonwabisa abaftindi iminyaka engama-4J

22 BONA XHOSA - Decerrber 1996

	AbakwaMondi Paper bena imfundo ifumaneke kumntu wonkeyokufikelela apho.

		BONA X1OSA - December 1 996 23

	Siyavusana nawe Bona xa ugtiba iminyaka engama-40 - Mondi Paper

24 BONA XHOSA - December 1996

